SIYAPHANDWA ISIZEKABANI SENGOZI EMASIKIZI

Amapolisa aseThembalethu avule idokethi lophando kulandela ukubhubha kwendoda eneminyaka engamashumi amane anesine ubudala kwingozi eyenzeke eNelson Mandela Boulevard, eThembalethu phezolo. Le ngozi yenzeke kwisiphambuka esiphakathi kwezitalato Inkumba ne Inkwali. Kukholeleka ukuba esinye isithuthi besiphepha umhambi ngenyawo ngethuba umqhubi ephulukana nolawulo lwaso.

Ingxelo zithi ezimoto zimbini zingquzulene okwenkunzi zegusha phambi kwentsimbi yesixhenxe emalanga. Umfi uchazwe njengobhubhileyo kwindawo yexhwayelo. Umqhubi wesibini nabanye abantu ebekhwele nabo ababini babalekiselwe esibhedlele. Amapolisa athi unongela walengozi awukaziwa okwangoku kwaye uyinkxalenye yophando lwawo oluqhubayo.