AWONELISEKANGA NGEEMPENDULO ZIKASODOLOPHU AMAXHOBA WESAKHIWO

Awuqini umnqwazi kumaxhoba neentsapho zabo bahlelwa lishwangusha lokudilika kwesakhiwo eGeorge malunga nemali etsalwe kuleyo yanikelwa luluntu kulamaxhoba. NgoLwesithathu lamaxhoba ebedibene kwiholo loluntu laseGeorge ngelizokubulela amaqela ezohlangulo ngomsebenzi wabo kulentlekele. Le ndibano ibihanjelwe yinkulu-baphathiswa yephondo uAlan Winde, usodolophu walomasipala uJackie van Brondis kunye namaqela ezohlangulo.

Ngethuba kuvulelwa imibuzo kuye kwavela umba wemali engange R18 000 nekuthiwa itsalwe kulominikelo ye R173 000 ngelithi ngumrhumo wolawulo (administration fee). Amaxhoba walentlekele neentsapho zawo awaxolanga malunga neempendulo ezinikezelwe ngusodolophu uVan Brondies malunga nalomrhumo. Uye wathi ngethuba kusehla lentlekele wayengengosodolophu kwaye akawazi umba odibene nalemali. Le mpendulo khange yamkeleke kumaxhoba ngelithi nokuba wayengengosodolophu kodwa ngethuba kunikezelwa ulawulo kuye wayifumana ingxelo malunga nalentlekele kulowo wayekho ngaphambili.

Amakhandlela ayi32, ngelikhumbula amaxhoba asweleka kwingozi yokudilika kwesakhiwo.

Uphethe ngelithi uzakuyisabela into yalomrhumo aze abuyele kwezintsapho. Obambeleyo njengomlawuli kamasipala uGodfrey Louw uthe abanalwazi luphangaleleyo malunga nalemali kuba kwaye kwatyunjwa umbutho ozimeleyo ukuba uhoyane nayo. Uthe lo mbutho, uFAMSA, nguwo onokuza neempendulo ezivakalayo zokuba kutheni lomrhumo ufikelele kwimali engaka. Esinye isikhalazo esisuka kulamaxhoba neentsapho zawo sesokuba umasipala noFAMSA badlala icekwa xa kufuneka bephendulile. Isiphakamiso samaxhoba sesokuba makubizwe indibano phakathi kwawo, umasipala noFAMSA ukuze kucace icala malunga nalemali neminye imiba.

Le mali sele isabiwa njengeVoucher zokutya ezifikelela kwiR2 500 kwixhoba okanye usapho ngalunye. Ngokokutsho kukaLouw amagosa akwaFAMSA ashekelwe ngabantu abalishumi elinesibini abangekafumani eziVoucher.

Kusenjalo, uWinde uthe uphando ulwalugunyaziswe liphondo malunga nesizekabani salentlekele sele luqukunjelwe. Okwangoku lugqithiselwe kwezinye iingcali ukuba ziluphonononge ngaphambi kokuba lunikezelwe ngokusesikweni kuRhulumente ebutsheni bonyaka ozayo. Unabe ngelithi nangona kunjalo kuzakufuneka besebenzisene nesebe lezabasebenzi kunye namapolisa kolwabo uphando.

Ngomso, umhla we6 kweyoMnga, izakuba zinyanga ezisishenxe kususela kwehla esisihelegu esothusa uMzantsi Afrika nehlabathi liphela. Kwasweleka abantu abangamashumi amathathu anesine (34) lo gama abangamashumi amabini anesibhozo (28) baye bahlangulwa besaphila. Omnye wabo bahlangulwayo yayinguShadrack Maine, ongummi waseLesotho, nekwanyanzeleka ukuba ashunqulwe umlenze nengalo kwindawo yentlekele. LokaMaine ube lixhoba lokugqibela ukukhutshwa esibhedlela kwaye kungoku nje usagcinwe kwiziko apho afundiswa khona ukuhamba ngomlenze ofakelweyo nokusebenzisa ingalo efakelweyo.