Abantu abatsweba umbane nabo bawusebenzisa ngondlela mnyama bazakongezelwa ithuba lokutshintshela iibhokisi zabo

Abantu abatsweba umbane nabo bawusebenzisa ngondlela mnyama bazakongezelwa ithuba lokutshintshela iibhokisi zabo kwinkqubo entsha kaEskom, xa sele ugqithile umhla wangomso. Eliqumrhu lithi lifumene indlela entsha yobuxhakaxhaka balemihla ebangela likwazi ukwandisa ithuba kwabo bakhankanywe ngentla ngokubenzela amanani ekumele umntu ewafake kwibhokisi yombane. 

Lamanani azakufumaneka kwiindawo ezithengisa umbane ezisemthethweni xa umntu eyokuthenga umbane. Abathengi kufuneka baqinisekise ukuba lamanani bawafaka kwiibhokisi ungekagqithi umhla wangomso ukuse inkqubo yokutshintshela kuKRN2 ukusuka kuKRN1 ivuleke. Isigaba esilandelayo kufuneka umntu andwendwele iiOfisi zakwaESKOM ukugqibezela olutshintsho, nto leyo ingenziwa nokuba sewugqithile umhla wangomso.

Oku kunika umnyinyiva kubantu abasebenzisa umbane ngondlela mnyama ukuba balungise iziphoso zabo. NgoCawe umhla zonke iibhokisi ezingekatshintshelwa kwinkqubo entsha azizukusebenza kwaye uESKOM uthi akakwazi ukwandisa ixesha kwabo bangekatshintshi. Ukuqinisekisa ukuba ibhokiso yakho iyilungele inkqubo entsha cofa ezinombolo: 1844 6744 0738 4377 2416.