KUKHANGELWA AMADODA ADLWENGULE APHANGA ENYE INDODA
Ibutho lamapolisa elijongene nodushe lwasemakhaya, ukhuselo labantwana namatyala esondo laseOudtshoorn, likhangela amadoda amane atyholwa ngokudlwengula nokuphanga indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala ebutsheni kulenyanga.
Kutyholwa ngokuba le ndoda yayisendleleni eya apho ihlala khona malunga nentsimbi yesine emva kwemini ngomhla wesihlanu kuSeptember ngethuba idibana nendoda ethile kwibhulorho ekufutshane naseRosebank, eBongolethu. Le ndoda yarhuqela ixhoba kulebhulorho yaze yalinyhasha ngokwesondo.
Kwathi gqi amanye amadoda amathathu nawo angenelela aphanga ixhoba izinto zalo. Amapolisa athi acela nabani na onokuwanceda ekukhangeleni abarhanelwa ukuba aqhagamshelane negosa eliphanda elityala, uSajini Corne Thysse kwinombolo engu 044 203 7513.




