KUKHANGELWA ABARHANELWA EMVA KODUBULO

Batshone emboneni abarhanelwa abangaziwayo abadubule babulala amadoda amathathu kwilokishi yaseThembalethu eGeorge phezolo. Esisiganeko senzeke kwindlela iNelson Mandela Boulevard kummandla waseZone 8 phambi kwentsimbi yesibhozo ngorhatya.

Isithethi samapolisa uAndre Traut uthi bafike kwindawo yesehlo amadoda amathathu sele ecinywe igama. Amaxhoba aneminyaka eyi32, 38 neyi41 ubudala. Isizekabani soludubulo asikaziwa kwaye nabani na onolwazi uyabongozwa ukuba atsalele abecuphi besikhululo samapolisa kwezinombolo: 044 802 8950/51 okanye Crime Stop at 08600 10111.