I-ANC IYAZIPHIKA EZOKUGUZULA URAMAPHOSA

NguPhumzile Ngcatshe

GAUTENG: Umbutho iANC uyazibhebhetha okomshologu iindaba zokuba ingamguzula uMongameli uCyril Ramaphosa.

Iingxelo ezithe ndii zidiza ukuba kunencwadi ejikelezayo ebhalwe ngamalungu weANC nalapho abanye befuna ukuba ashiye isikhundla sakhe.

ISABC ipapashe inqaku elithi uMongameli weANC kwanoMzantsi Afrika uRamaphosa angabeka phantsi emva kwengqungquthela yeG20 ezakubanjelwa eRhawutini kuleveki.

FUNDA NALAPHA: G20: URAMAPHOSA ONOMSINDO UGXEKA UTRUMP

Kusenjalo ubunkokheli balombutho uyaziphika ezingxelo yaye luqinisekisa ukuba uRamaphosa uzakuhlala elulawulweni de kube ngu2027.

“Lengxelo ivela nje emva kwamarhe okokuba uRamaphosa angaguzulwa emva kwendibano yeG20. Kunencwadi ethubelezayo ediza ukuba iinkokheli zeANC eMpuma Koloni zifuna ahambe okaRamaphosa,” itsho iSABC.

“Lencwadana ikwadiza ukuba isigqeba seANC kufuneka sibhangiswe yaye kufakwe igqiza okuyiTask Team ezakukhokelwa nguThabo Mbeki owayesakuba nguMongameli weli.

“Ngaphezu koko, kuchazwa ukuba uRamaphosa wenze intetha yakhe kwisigqeba iANC ngaphandle kwamajelo eendaba ntoleyo efaka umfutho kulamarhe.”

FUNDA NALAPHA: BUKELA: UHLAHLO-LWABIWO MALI LUKAGODONGWANA

Ngokwesithethi seANC uNonceba Mhlauli, uthe: “Ngokolwazi lwam nanjengombutho, awekho lamarhe wokuba uMongameli uzakushiya isikhundla.

“Isigqeba seANC kuquka noMongameli, Satyunjwa ngonyaka ka2022 yaye kulindeleke ukuba sehlile ngo2027.

“Kusenjalo esi sigqeba sizakukhokelwa nguRamaphosa de kube ngu2027 njengoMongameli weANC. Uzakuthi ke anikezele kwinkokheli entsha xa kufika elothuba.

“UMongameli uRamaphosa nguye uMongameli weANC yaye uzakuphatha de kube ngu2027. Asikwazi ke uthetha ngamarhe angenasihlahla.”