
UXINZELELO KUOUADDOU KUBHAXABULWA IPIRATES
BETWAY PREM: Umqeqeshi weOrlando Pirates uAbdelsam Ouaddou izibhaqa engaphantsi koxinzelelo emva kokubethwa yiMarumo Gallants ngo2-1.
Ezimnyama Ngenkani zibethwa okwesibini oko ithe yavulwa isizini ka2025/26, oku kalandela emva kokubethwa yiSekhukhune United ngomgqibelo.
Kusenjalo, lomqeqeshi uthi abalandeli mababeke phantsi amaxhala njengokuba abnye besithi makathathe iibhatyi zakhe emva komdlalo ngolwesibini..
READ MORE: PICS: SENQU MAYOR DELIVERS SHOES TO NEEDY SCHOOL KIDS
IPirates yiyo eqale yavalela inqaku ngoTito Maswanganyi kodwa yavula ngasemva nalapho uDaniel Msendani ethe walinganisa ngaphambi kokuba uJaisen Clifford efake elesibini.
“Ewe kunjalo, ziziphumo ebesingazilindelanga ezi. Size kulomdlalo ngomdla neminqweno emikhulu ukuze sifumane amanqaku amathathu,” utshi kwaseSuperSport TV.

“Ndingatsho ndithi siqale kakuhle umdlalo, safumana inqaku emva kokudala amathuba amaninzi kodwa asikwazanga ukuwavalela.
“Njengokuba benditshilo, xa ungafaki amanqaku, unika elinye iqela ithuba lokugqibezela umdlalo.
“Lilonke, ndiphoxekile njengokuba kucaca ukuba siqale kakubi isizini yethu kodwa sizakucinga ngalengxaki.
“Sizakuwuhlalutya lomdlalo yaye sibone ukuba yintoni engahambi kakuhle ikakhulu kwisiqingatha sesibini.
“Ewe, siphoxekile sisonke kodwa sizakulungisa iimpazamo zethu sibuye ngamandla kumdlalo olandelayo.”
Kusenjalo, iintshatsheli zeMTN8 zizakuqubisana neMamelodi Sundowns ngomgqibelo kowesemi-final kuletumente iWafa aWafa.
