
UGWETYIWE OLAWULA INDAWO YAMAHENYUKAZI
Ugwetywe iminyaka emibini entolongweni umlawuli wendawo yamahenyukazi eGeorge. Nangona kunjalo uNyaradzo Ellen Gewdzi (40) waseZimbabwe akazochitha thuba entolongweni kuba isigwebo sakhe seminyaka emibini sixhonyiwe. Oku kuza emva kokuba uGewdzi evumile kwinkundla yenqila yaseThembalethu ukuba ebephila ngemali yabo bathengisa umzimba kwaye ephethe elawula lendawo.
Wabanjwa kuCanzibe wonyaka ophelileyo emva kokuba omnye ummi waseZimbabwe oneminyaka eyi-25 ubudala wayokuvula ityala lokubethwa kwinkundla kwisikhululo samapolisa kule dolophu. Ngethuba kuvulwa ityala, uGewdzi wangena emaphikana kwesisikhululo ezokubuzisa ngexhoba. Ngokwengxelo yooKhetshe ixhoba laye lasiwa kwelinye igumbi, kulapho kwavela khona ukuba labethelwa ukungathobeli miyalelo yalendawo.
Ngethuba ebanjwa uGewdzi waye wayalelwa ibheyile, nto leyo edlale indima kwesisigwebo kuba ebexoxa eseluvalelweni. Umantyi ukwamchaze uGewdzi njengomntu ongakulungelanga ukuba ngumnini wompu.
