KULUNYWE ABABINI ZIZINJA ZASELWANDLE

Abantu abandwendwela amanxweme kwidolophu yaseMossel Bay bayalunyukiswa ngezinja zaselwandle ezinomgada emva kokulunywa kwabantu namhlanje. Ngokwengxelo ekhutshwe ngumasipala waledolophu, oku kwenzeke kwiziganeko ezimbini ezohlukeneyo. Lo masipala unabe ngelithi amaxhoba aye aleqiselwa esibhedlela ukuyofumana unyango.

Izinja zaselwandle ezinomgada ziye zibendlongondlongo zihlasele abantu abakufutshane, nto leyo engabeka ubomi bexhoma emngciphekweni xa lingafumenanga unyango kwamsinya. Ngenxa yoko abasemagunyeni bayayibethelela into yokuba abantu bahlale bevundlile kumanxweme aledolophu kwaye bangazami ukusondela kwezizinja nokuba sezibonakala zingenabungozi.

Kukholeleka ukuba umnombo walomgada usukela kumlo phakathi koodyakalashe nezinja zaselwandle kwingingqi yeWest Coast. Odyakalashe, ingakumbi kunxweme olugudle ilizwe laseNamibia, badume ngokuzingela izinja zaselwandle.

Abantu bangasebenzisa ezinkcukacha ukuchaza iziganeko ezingaqhelekanga zezinja zaselwandle kumanxweme aseMossel Bay: Stranded Marine Animal Rescue Team (SMART) – 072 227 4715, Dr Greg Hofmeyr – 071 724 2122, umnxeba kamasipala – 044 606 5000 ngamaxesha wonke.