UGWETYIWE UMBULALI KASOMASHISHINI WASE-KNYSNA
Ugwetywe ubomi entolongweni umnini womzi ogcina izidumbu eKnysna ngokubulala usomashishini owaziwayo kuledolophu, nokwangumhlobo wakhe. Ukugwetywa kuka Waydon Bezuidenhout kulandela ityala eliqhube ukususela kwinyanga yeThupha (August) ngo2022 ngethuba ebanjelwa ukubulawa kukaMawande Kondlo ebutsheni balonyaka. Umzimba kaKondlo wabhanqwa udunduluze ecaleni kwendlela edibanisa idolophu yaseKnysna neUniondale ngomhla we17 kweyomQungu (January) 2022. Umfi wayebotshwe iinyawo nezandla, efakwe ilaphu emlonyeni ekwagqunywe intloko ngePlastic emnyama.

U-Bezuindenhout, nobehlala kwisitalato esinye noKondlo, ebejamelene netyala lokubulala, ukuxhwila kunye nokuba ngumqombo kwingalo yomthetho. Amapolisa afumana igazi likamfi kwisithuthi sohlobo lweSUV esasiqeshwe lishishini lakhe iCassandra Funerals ukuthutha usapho ulaluyokungcwaba kummandla waseThe Crags ePlettenberg Bay. Uphando lwamapolisa lwabonisa ukuba esisithuthi kunye nomnxeba kaBuzuidenhout zaquqa zibuyelela amatyeli aliqela kwindawo yesehlo.
Isithethi senkonzo yezotshutshiso (National Prosecuting Authority) u-Eric Ntabazalila uthi emva kokuba umbuso uqukumbele ukubhentsisa ubungqina enkundleni, uBezuidenhout wacela ukunika ubungqina bakhe ekhusini. Esisicelo wasenza kuba esithi woyikisela ubomi bakhe nosapho lwakhe, kuba ubungqina bakhe buzakuveza abanye abantu abakhohlakeleyo kwiyelenqe lokubulawa kukaKondlo.
“Ubungqina owabunikezela enkundleni buthi waye wayokufuna imali yokuthenga isithuthi esitsha sezidumbu kubathengisi beziyobisi abaziwayo kule dolophu. Wadibana noAlastair Galant, Vusumzi Gungu, Yonele Best noKhaya Adonis baze bavumelana ukuba uzakuzibandakanya nalomkhambathi wabo wokushishina ngeziyobisi”, utshilo uNtabazalila kwingxelo yoonondaba.
U-Ntabazalila woleke ngelithi esisine samxelela uBuzuindenhout ukuba xa engenile kwelishishini akukho kubuya ngamva ngokobungina abunikezeleyo. “Wabanga enkundleni ngelithi yaziwa nangubani na into yokuba uGungu nguye ungqondongqondo walomkhambathi kwaye kukho ithuba apho wawufikelela emapoliseni, ezintolongweni kunye nasezinkundleni”, ihambisa ngelitshoyo ingxelo kaNtabazalila.

Ngokobungqina bukaBezuidenhout iyelenqe lokubulawa kukaKondlo laphekwa kwiiveki ezintathu ukuya kwezine phambi kweshwangusha. Ngelothuba utyhola ngelithi wadibana noGalant, uGungu noAdonis kwikhaya likaGalant, nalapho waxelelwa ukuba nguye otyunjwe ukuba abulale uKondlo kuba besondelene. Inkundla yeva ukuba esisibini sasingabahlobo isithuba seminyaka emibini ngaphambi kokubulawa kukaKondlo. Umfi ebengumnini wenkampani iWandu Tours and Stay kwicandelo lezokhenketho kwaye ebenendawo yokulala eqashisayo (bed and breakfast). Ubuhlobo besisibini buchazwe njengobebuqinile kuba uBezuindenhout ebelala kule ndawo kaKondlo amatyeli aliqela, nangona ikhaya lakhe likwakwisitalato esinye.
Uchazele inkundla ukuba wakhethiswa phakathi kwemipu emibini lowo azakuwusebenzisa ukufezekisa eliyelenqe. Ngokobungqina bakhe waxelelwa ukuba isizathu sokubulawa kukaKondlo kukuba uGungu ufuna ukulithabathela kuye ishishini lakhe lendawo yokulala eqashisayo. Wanaba ngelithi uGungu wamchazela ukuba sele ikhona nenkabi yaseGqeberha elinina eqashelwe ukwenza lomsebenzi ukuba yena uyohluleka.
Enkundleni uzithethelele ngelithi wazama ukuthethisana nabo abakhankanyileyo ukuba bangaqhubeki neliyelenqe kodwa kwafana nokugalela amanzi kumhlana wedada. Wathi ngemini yokubulawa kukaKondlo wafika kwishishini likaKondlo kukho eliqela kunye nelinina laseGqeberha. Uthi umfi wakhatshelwa ukuya kwisithuthi awayesiqashile waze wayalelwa ukuba avule ngasemva (boot) ngaphambi kokuba kuphelwe emehlweni noKondlo. Uyakuphika ukuba nguye owabulala umfi ngelithi emva kokuxhwilwa kukaKondlo yena wagrogriswa ukuba aphele emehlweni kwaye angayiphathi nakubani into yokubulawa kwexhoba.
Umtshutshisi oyintloko uLenro Badenhorst uchazele inkundla ukuba uBezuidenhout ngumtyholwa oyintloko kwelityala kwaye wancediswa ngumntu wasetyhini nendoda engaziwayo ukuxhwila ixhoba. Wongeze ngelithi ubeyinkxalenye yeqela labantu abapheke iyelenqe lokubulawa kukaKondlo. Oko kuye kwamwisela isigwebo sobomi kwityala lokubulala, iminyaka emihlanu yokuxhwila kunye nonyaka omnye ngokuba ngumqobo kwingalo yomthetho. Isigwebo sokuxhwila nokuba ngumqobo kwingalo yomthetho zizakuxhuzula ngaxesha-nye nesigwebo sobomi.
