
KUVUMBE UMLILO KULEMOZULU ISHUSHU
Zibila zisoma izicimi mlilo kumlilo oqhambuke kwilokishi yaseThembalethu eGeorge. Lo mlilo, nekubonakala ukuba ngumlilo wamadlelo, uvumbuke kummandla wamafama kwingingqi yaseSilvertown. Izicimi mlilo zomasipala waseGeorge nezomasipala wesithili iGarden Route sele zibasele kwindawo yesehlo. Akukacaci ukuba lomlilo udalwe yimozulu ekhupha intlanzi emanzini kusini na.

Kwezintsuku zimbini zigqithileyo amaqondo obushushu kule dolophu ebeqabele ngaphaya kwe30 degree celcius. Ngenxa yalemozulu kulindeleke ukuba abantu bagxalathelane kumanxweme aledolophu ngalempela veki. Ukujamelana nalemeko kutyalwe inani eliqingqiweyo labahlanguli baselwandle kumanxweme iVictoria Bay, Leentjiesklip (Wilderness) naseHerolds Bay. Umasipala waseGeorge wenze umbulelo kwiqumrhu lezohlangulo laselwandle iNSRI kunye nequmrhu labarhafi baseHerolds Bay ngokutyalwa kwababahlanguli namhlanje.

