
“ASITYHEFI KUTYA, SIYATYHOLWA NGABANGASIFUNIYO”
Abanini bezirhoxo zasekuhlaleni kwingingqi yeGarden Route bathi kukho unyawo lwemfene olujolise ekubonyeliseni kwiziganeko zokugula nokusweleka kwabantwana emva kokutya amashwamshwam athengiswa kwiivenkile zabemi bangaphandle kweli. Bakuthetha oku lo gama liqhuba iphulo lokugqogqa ezivenkile ngamagosa ezempilo wokusingqongileyo kumasipala wesithili kunye nawonyanzeliso mthetho. Eliphulo, kwiidolophu ezikwesisithili, liqale emva kokufunyanwa kweepilisi kwiipakethi zamashwamshwam kummandla waseGreat Brak River naseFriemersheim kwiveki ezimbini ezigqithileyo.
Othethela umbutho wabasomashishini iSouthern Cape Foreign Business Concern, uLiban Hussein Ali uthi asoze bafake ityhefu ekutyeni abakuthengisela uluntu. “Asinanjongo yokubulala abantwana okanye uluntu, kwaye ababantwana sibathatha njengabantwana bethu. Sikholelwa ekubeni kukho isandla sesithathu kule nyewe nesifuna ukuba sicatshukelwe ngabahlali kwaye basigxothe.”
Lo ka-Ali uhambise ngelithi kukho amaqela afana no-Operation Dudula afuna ukonyelisa igama labemi bangaphandle. “Sikholelwa ukuba lombutho iDudula awukho semthethweni kwaye ukhokelwa ngabantu abasithiyileyo nabafuna sigxothwe eluntwini. Thina sithi abantu bangaphandle abakweli ngokusemthethweni mabahlonitshwe lo gama abangenawo amaphepha balungiselelwe.” Uphando malunga neziganeko zeepilisi kwiingingqi eziphantsi komasipala iMossel Bay lusaqhuba.
