OWECHIEFS UGXELESHE IGAZI LESUNDOWNS

BETWAY PREM: Umdlali weKaizer Chiefs uNkosingiphile Ngcobo unethemba lokuba bangayibetha iMamelodi Sundowns.

Ezinkunzi zizakuqubisana ngolwesithathu kumdlalo weBetway Premiership kwibala iFNB Stadium nalapho kulindeleke ukuba utake iintlantsi.

Ngaphambi kwalomdlalo, amakhwenkwe kaMiguel Cardoso aye afumana iinduma emva kokubethwa yiOrlando Pirates kumdlalo weMTN8 ngamapenalti ngomgqibelo.

Kusenjalo, ezikaNasreddine Nabi azikabethwa emva kwemidlalo emithathu yeligi kodwa lamaqela ohlulwa ngamaqaku amabini kumanqwanqwa weligi.

FUNDA NALAPHA: SENQU MUNICIPALITY CONDEMNS FARM INVASIONS

Elityendyana elineminyaka engama25, selidlale imidlalo engaphezu kwekhulu kwezaseNaturena oko wathi wonyuselwa kwinkulisa – unamanqaku asibhozo egameni lakhe.

Ethetha namajelo eendaba, uNgcobo uthi bazilungiselele ukuya kulomdlalo yaye bafuna ukuphucula umdlalo wabo.

“Siyazilungiselela lomdlalo njengokuba siqhele ukwenza nakweminye. Sikulungele ukudlala, njengomdlali sihlala sifuna ukuphucula umdlalo wethu,” utshilo uNgcobo.

FUNDA NALAPHA: CHAINE ON HOW HE STOPPED SUNDOWNS

“Yiyo into esifuna ukuyenza, siphucuke yaye ndiyibomnile lonto – ndonwabile.

“Ndicinga ukuba kwimidlalo egqithile, sizibonakalisile ukuba singayibetha iSundowns. Lilonke ndicinga ukuba icebo lethu lasebenza kumdlalo wethu nabo.

“Kufuneka nje siqhubeke nelocebo ukuya kulomdlalo.

“Siyayazi iSundowns liqela elithanda ukugcina ibhola, okwethu ke kukuba sivale ngasemva yaye senze konke okusemandleni ukubavisa ubuhlungu xa sinamathuba.”

Ingxelo nguPhumzile Ngcatshe