LIBHAQWE LIZIPHOLELE KWISIKHENKCEZISI ISELA LEMALI

Emva kokubaleka ingalo yomthetho isithuba esingangonyaka, isela elalingumgcini zincwadi lifunyenwe lizifihle kwisikhenkcezisi. UPrishen Khan ugwetye iminyaka elishumi entolongweni ngamatyala obuqhophololo obabangela ilahleko engaphaya kwezigidi ezintathu zeerandi yinkundla yamatyala ezorhwebo ePitoli. UKhan ufunyenwe ezifihle ngaphakathi kwisikhenkcezisi ekhayeni lakhe elitsha eNigel Ekurhuleni ngolwesihlanu kuleveki iphelileyo.
UKhan oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe ubudala wayengumgcini zincwadi kwinkampani, iNorthern Cricket Union ngethuba esiba iR350 000. Wakwenza oku ngokutshintsha iinkcukacha zebhanki kwii-invoice afake ezomyeni wakhe nezomzala wakhe. Emva kokuyeka kulenkampani, waqeshwa njengemanejala wezezimali eCustomer Loyalty Consultant waze wabela lenkampani imali engaphezu kwezigidi ezintathu zeerandi.
Uwavumile amatyala ebebekwa wona ebanga ngelithi wayiba le mali ngenxa yobunzima bezezimali. Unabe ngelithi le mali wayeyifunela izinto ezibalulekileyo, kuquka ukuthengela umyeni wakhe imoto. Nangona kunjalo, ubungqina obukwingxelo yangaphambi kwesigwebo bubonise ukuba uKhan wangcakaza ngayo le mali. Inkundla ifumanise ukuba lo wasetyhini wayenentliziyo ende kwaye akabonakalisanga kuzisola ngokupheleleyo ngento awayenzayo.
