
UShekhinah uvuselela ilifa likaLebo Mathosa nge “I Love Music” entsha kwiSpotify EQUAL
UShekhinah ukhuphe uguqulelo olutsha lwengoma ethandwayo kaLebo Mathosa ethi I Love Music njengenxalenye yeSpotify Singles, kubhiyozelwa iminyaka emihlanu yephulo leSpotify EQUAL.
Le projekthi iphinda iqaqambise ingoma eyakhutshwa ngo-2006, ngoku ifikelela kwiminyaka engama-20, kwaye ibonisa indlela umculo waseMzantsi Afrika onokuqhubeka uphile ngayo kwizizukulwana ezahlukeneyo.
Ekuqaleni kuka-2026, lo mculi uphume ne-EP yakhe yokuqala ethi ,Love on Repeat, Vol. 1, enesandi esikhaphukhaphu nesonwabisayo esixutywe ne-house ne-soul.
Kule EP kukho iingoma ezifana no Say You Love MenoBrandon Dhludhlu, kunye no My Baby noBrandon Dhludhlu kunye noFatso 98.
Oku kulandele i-albham yakhe ka-2025 ethi Less Trouble.
UShekhinah uqhubekile nokudlala kwiindawo ezahlukeneyo, kuquka iRosefest awayeyisungule kwiminyaka edlulileyo, esaqhuba nomsebenzi wakhe ozimeleyo emva kwempumelelo yeplatinum yeprojekthi ka-2017 ethi Rose Gold.
Ngokwedatha yeSpotify, I Love Music sele inemisinga engaphezu kwe-1.8 million kwihlabathi, kwaye i-88% yazo ivela eMzantsi Afrika.
Ingoma ikwafumaneka kuluhlu lokudlala olwenziwe ngabasebenzisi olungaphezulu kwe-70 000.
Emva kokuba iqale ukunyuka ngamandla ngo-2018 eMzantsi Afrika, ikhule unyaka nonyaka ngomyinge osondeleyo kwi-95% compound annual growth rate kwiminyaka esixhenxe.
Abaphulaphuli bayo bahluke ngeminyaka: iqela le-35–44 lelona likhulu, lilandelwa yi-18–24 kunye ne-30–34.
Amadoda enza i-63% yemisinga. EGauteng, ngakumbi eJohannesburg, ingoma ihamba phambili ngemisinga engaphezulu kwe-700 000, phantse isiqingatha sayo yonke imisinga yelizwe. Iidolophu zaseGauteng ezifana nePretoria, Centurion neMidrand zidityaniswa zenza ngaphezu kwe-75%, ze iDurban, iCape Town nePort Elizabeth zigqibezela ezona dolophu ziphezulu.
Uguqulelo lukaShekhinah luyinxalenye yephulo leEQUAL elisebenza eNordics, eUnited States, eGermany, ePortugal naseSub-Saharan Africa.
Funda nalapha: Udadewabo kaTyla uveza uloyiko olungasoze lulibaleke emva kokuphangwa eMzantsi Afrika
UJodie Tabisher, ongumlawuli weartist label and partnerships eSouthern Africa kunye nenkokeli yeSpotify EQUAL Africa, uthe: “*I-I Love Music kaLebo Mathosa ibonise amandla amakhulu: umculo omkhulu waseMzantsi Afrika uyaguquka, uphinde ufumaneke, uze ufumane abaphulaphuli abatsha.”
Oku kugxininisa indlela le ngoma iqhagamshela ngayo izizukulwana ezimbini ngexesha elinye.
