
LIYANDA INANI LABABANJELWA UKUTHUBELEZISA ABANTU eGEORGE
Ibutho lamapolisa elijongene namatyala acwangcisiweyo, ooKhetshe lithi adityanisiwe amatyala wabatyholwa abathathu kwityala lokuthubeleziswa kwabantu. Oku kulandela ukubanjwa kukaSuccess Egabor (41) kwinyanga ephelileyo eKapa. Isithethi selibutho, uSiyabulela Vukubi uthi balunywe indlebe lisebe lezemicimbi yekhaya malunga nommi welinye ilizwe okweli ngokungekho mthethweni. Kuye kwafumaniseka ukuba nguEgabor, obekhangelwa malunga netyala lokuthutyeleziswa kwabantu eliqhubayo kwinkundla kamantyi eGeorge.
Elityala lisusela kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo, nalapho kwabanjwa uNontobeko Mathunjwa (34) kwidolophu yaseGeorge. Amapolisa ayelandela umkhondo malunga namanina aselula ekwakurhaneleka ukuba athutyeleziswe ukusuka kwintshona yeAfrica befihlwe kwiContainer. Lamanina, ayephakathi kweminyaka eyi21 neyi47 ubudala, aye ahlangulwa kwaye kwavela ukuba angeniswe kweli ngeencwadi zokundwendwela zomgunyathi. Kwingxelo yooKhetshe kwavela ukuba lamanina ayexhonywe kwikhasi lo mnatha labantu abashishina ngomzimba (escort website).
Kwinyanga yoKwindla kulo umiyo kwabanjwa uPrecious Abudu (33) kummandla waseStrand eKapa exulunyaniswa netyala likaMathunjwa. Wafunyanwa namaxwebhu okundwendwela amabini, inqwaba yamakhadi weebhanki kunye nemali engange R29 000. Ukubanjwa kukaEgabor kulibeka kwisithathu inani labatyholwa kwelityala kwaye bobathathu bavele kwinkundla kamantyi yaseGeorge ngoMvulo. Umtyholwa wesithathu uEgabor uzakuvela kwakhona kulenkundla ngomhla we19 kweyeSilimela nalapho kulindeleke afake isicelo sebheyile. Bebonke abarhanelwa bazakubuyela enkundleni ngomhla we30 kweyeKhala, lo gama uMathunjwa noAbudu bexoxa bengaphaya kwezisele.
