
EZINGENAYO: UDOLLY UVUMBUKA KWELASEKAPA
MFC: UKeagan Dolly owazakhela udumo kwiMamelodi Sundowns uvumbuke kwiqela iCape Town City elidlala kwiMotsepe Foundation Championship.
UDolly uzibhaqe engenaqela emva kokukhululwa yiTS Galaxy nalapho ebekhe wadlalela iKaizer Chiefs.
Njengokuba ebekhangela iqela, lomdlali weBafana Bafana ebekhonjwa kumaqela amaninzi kodwa lomdlali ona32 uzifumanele iqela elitsha laseKapa.
FUNDA NALAPHA: EXCL: EX-SUNDOWNS TRIO REUNITES IN TANZANIA
Ngokwengxelo yeiDiski Times, uDolly ufumana eliqela njengefree agent emva kokuqhawula umtshato neGalaxy xa kuphela isizini ephelile.
Lomdlali odume ngokudlala eqabangeni lasekhohlo ulindeleke ukuba ancede eliqela laseKapa kwiinzame zalo zokubuyela kwiBetway Premiership.
Kutshanje, uDolly ebedlala kwiqela likaMolefi Ntseki kwitumenete eyaziwa ngeCHAN ibibanjelwe kumazwe eMpuma Afrika.
READ MORE:Â OWECHIEFS UGXELESHE IGAZI LESUNDOWNS
Lomfana ozalelwa eWestbury eRhawutini ubuyela eKapa nalapho waqala ukudlala ibhola yakhe kwiqela iAjax Cape Town (Cape Town Spurs).
Kusenjalo, wathi wazibona ehamba eyokudlala kwiSundowns wade wazibona edlala kwiqela iMontpellier laseFrance ngo2017.
NguPhumzile Ngcatshe
