KUBULEWE ABATHATHU KUQUKA ITYENDYANA ELINA14
Amapolisa aseThembalethu eGeorge aphanda iziganeko ezahlukeneyo nalapho kubulewe abantu abathathu kwimpela veki esisuka kuyo. Kwisiganeko sokuqala kukholeleka ukuba indoda eneminyaka eyi27 ubudala ibethwe yasweleka ngezityholo zobusela. Isithethi samapolisa uChris Spies sithi babizelwe kufutshane nomlambo okummandla waseZone 6 ngomgqibelo ekuseni, nalapho befike ixhoba linamanxeba entloko nasemzimbeni. Isizekabani sokusweleka kwexhoba siyaphandwa kuquka neengxelo zokuba likhutshwe ngosomvana kwikhaya lalo kubusuku bangoLwesihlanu. Nabani na onolwazi ngokwenzekileyo uyacelwa atsalele umphandi kule nombolo: 079 894 1576.
Kwisiganeko sesibini, inkwenkwana eneminyaka eyi14 ubudala iswelekele esibhedlela ekuzeni kusa ngeCawe. Amapolisa akhwetyelwe esibhedlela nalapho ixhoba lileqiswe khona linenxeba esifubeni. Isizekabani sokusweleka kwaso asikaziwa kwaye nabani na onolwazi angatsalela umcuphi uWarrant Officer Lucy van Rensburg ku079 894 1576 okanye inombolo kaCrime Stop engu08600 10111.
Kwesinye isiganeko kubanjwe indoda eneminyaka eyi26 ubudala ngokubulawa kukaLorenzo Kannemeyer (22) kummandla waseAsazani ngoqhiza ngomGqibelo. Ixhoba libhengezwe njengeliswelekileyo kwindawo yesehlo emva kokonganyelwa ngamanxeba okuhlatywa esifubeni nasesandleni. Umtyholwa uvela kwinkundla kamantyi yaseThembalethu namhlanje.
