
UMCHUNU UKHOMBA UMASEMOLA OVIKELA ELAKHE NGEPKTT
CAPE TOWN: Umphathiswa wamapolisa onqunyanyisiwe uSenzo Mchunu uthi icandelo lePKTT kwakufanelekile libhangisiwe.
UMchunu uthethe oku ngaphambi kokuvela ePalamanete ngolwesine esithi uMkomishinala wamapolisa uGeneral Fannie Masemola wayenolwazi ngesigqibo sokubhangisa elicandelo.
Njengokuba lisaziwa ngePolitical Killings Task Team (PKTT), kuvela ukuba elicandelo labhangiswa nguMchunu kodwa lo mphathiswa uthi uMasemola ufihle iinkukacha kulekomiti ejongene nezamapolisa.
Lekomiti eyaziwa njenge ad hoc ephanda ungenelelo kwezopolitiko esipoliseni ibipheka isophula uMchunu kuleveki.
UMchunu udize ukuba kwinyanga kaNovemba kunyaka ophelile uMasemola wathi eliqela lePKTT lalingekho sesikweni ngaphantsi kwesipolisa kodwa lalimiselwe ukuphanda ukubulawa koosopolitiki.
FUNDA NALAPHA: UMASIPALA IJGDM UFUMENE IZIXHOBO ZOKULWA UMLILO
“Ngokunokwam, lento yayicaca ukuba iPKTT yayisekelwe ukujongana nengxaki zopolitiko hayi njengequmrhu elingaphantsi kwesipolisa,” utshilo uMchunu.
“Into ebalulekileyo kukuba uSibiya uchazile ukuba eliqela lalizakukwazi ukuba likhule likwazi ukujongana nokubulalana nokuqweqwediswa kwabantu.
“UMkomishinala wamapolisa uzinkonyile ezinye iinkcukacha ngaphambi kwalekomiti. Wayezazi iinkcukacha nomsebenzi weliqela owawugunyaziswe nguGeneral Khehla Sitole owayengumkomishinala ngo2019.

“Ngaphantsi kwlomigomo, yabhangiswa iPKTTt kwaze kwavuselelwa amaqela afana neMurder and Robbery unit ngabula marhumsha.
“Oku kwenzeke ngaphambi kokuba ngifike kwesisikhundla. Okwam ke kwakukunizela ngengxelo nangeziphumo zophando ngeliqela.”
Oku kuvela nje emva kokuba uLt. General Shadrack Sibiya – onqunyanyisiwe – echaze ukuba uMasemola wachazelwa ngesigqibo sokubhangisa iPKTT.
“UMkomishinala wesizwe waziswa ngesisigqibo kuquka nabanye abaphathi esipoliseni. Kusenjalo, akakhange abonakalise ukungavumelani nesi sigqibo – yaze yaqaliswa inkqubo,” utshilo uSibiys.
UMchunu yena wathi wanqunyanyiswa nguMongameli uCyril Ramaphosa kulandela izityholo ezapapashwa nguMkomishinala wamapolisa KwaZulu-Natal uNhlanhla Mkhwanazi ngeyeKhala.
FUNDA NALAPHA: APHINDILE AMAPOLISA EKATKOP EVALELA UMGEWU
UMkhwanazi utyhola ngelithi uMchunu ungenelela kuphando lwamapolisa yaye nguye owakhupha umyalelo wokubhangisa iqela lePKTT – ntoleyo engaphandle kolawulo lwakhe.
Ngaphezu koko, okaMkhwanazi utyhola ngelithi lokaMchunu unamatyathanga noosomashishini ababandanyeka kurhwaphilizo nalapho ekhusela abo ababandakanyeka kulwaphulo-mthetho olucwangcisiweyo.
NguPhumzile Ngcatshe
