UBROOS ULIBUYISILE IGQALA LESUNDOWNS KWIBAFANA

NguPhumzile Ngcatshe

BAFANA: Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos uphinde wambiza uThemba Zwane njengokuba belungiselela indebe yomhlaba.

EzikaBroos zizakudlala nelizwe lasePanama nalo elisingise kwindebe yomhlaba ezakubanjelwa eMexico, eUnited States of America kunye naseCanada kulonyaka.

Lomqeqeshi waseBelgium uthe wabhengeza iqela lakhe ngomvulo kodwa kulindeleke ukuba alichebe okanye aphungule inani labadlali xa kusondele lemidlalo.

IBafana izakuqubisana nePanama kwibala iMoses Mabhida ngomhla ka27 de baphinde emva kwendlu kumdlalo ozakubanjelwa eKapa kwibala iDHL Cape Town Stadium.

Nangona uSAFA engekaphawuli ngeminye imidlalo, kuyacaca okokuba yimidlalo yobuhlobo yokugqibela le ngaphambi kokuntingela kwitumente yomhlaba.

FUNDA NALAPHA: IBAFANA IBHENGEZE IBALA BEZAKUDLALA NEPANAMA

Lomdlali weMamelodi Sundowns, uZwane uneminyaka engama36 yaye uyaqala ukubizwa kweliqela emva komonzakalo bedlala neCongo-Brazzaville ngonyaka ophelileyo.

Ngokweengxelo zabeendaba, kuyacaca ukuba uBroos ufuna ukubona lomakadebona enkampini yakhe okokuba ukulungele na ukuya kwitumente yomhlaba.

Kusenjalo, omnye umdlali obuyile kweliqela nguJayden Adams weSundowns nowathi wakhutshwa ngenxa yokungabinasimilo ngokutsho kukaBroos.

IBafana izakusingatha iPanama ngomhla ka27 kule imiyo ngaphambi kokuyodlala eKapa ngoka31 yaye uBroos kulindeleke ukuba abhengeze iqela eliphunguliweyo kwiveki ezayo.

FUNDA NALAPHA: KUYALILWA ESOWETO ISUNDOWNS IBETHA IPIRATES

Iqela leBafana:

Goalkeepers: Ronwen Williams, Ricardo Goss, Renaldo Leaner, Darren Johnson

Defenders: Khuliso Mudau, Olwethu Makhanya, Deano Van Rooyen, Thabang Matuludi, Vuyo Letlapa, Tylon Smith, Nkosinathi Sibisi, Aubrey Modiba, Ime Okon, Samukelo Kabini, Mbekezeli Mbokazi.

Midfielders: Teboho Mokoena, Jayden Adams, Thalente Mbatha, Ndamululo Maphangule, Mthetheleli Mthiyane, Luke Le Roux, Sphephelo Sithole, Bongokuhle Hlongwane, Tshepang Moremi, Themba Zwane, Patrick Maswanganyi, Mthetheleli Mthiyane, Kamogelo Sebelebele.

Forwards: Evidence Makgopa, Lyle Foster, Iqraam Rayners, Relebohile Mofokeng, Yanela Mbuthuma, Mohau Nkota, Thapelo Morena, Oswin Appollis.