
UMASIPALA UXHOBISA ABAHLALI NGOMLILO EGQEBERHA
NguPhumzile Ngcatshe
GQEBERHA: UMasipala waseNelson Mandela Bay ukhuphe isilumkiso kubahlali njengokuba umlilo wamadlelo usaqhuba ukudala nonxunguphalo.
Ngokwengxelo ekhutshwe ngulomasipala, abahlali bakwiindawo ezingqonge iBhayi ezifana neKariega, N2 Windfarm, Greenbushes kuquka neGovan Mbeki nezinye – kuthiwa bahlale bethe qwa.
Ngolwesibini, umasipala uthe abahlali bahlale begadile izinto nezindlu zabo njengokuba iindawo eziyi98 zithe zachaphazeleka ngulomlilo wamadlelo.
Isekela leMeya uGary Van Niekerk weNMB uthe abahlali bagade iifestile ukanti bagade bangabeki izinto ezingawuphembelela lomlilo.
“Ngaphakathi kwamatyholo, uzakubona iimoto nabasebenzi bethu bemanxada-nxada besilwa nalomlilo. Imini yethu iqale kakuhle ungekho umlilo kodwa njengokuba amaqondo okutshisa esonyuka, sineendawo ezintlanu ezitshayo,” uVan Niekerk.
FUNDA NALAPHA: GRADE 12: OBHALE ENGABONI UBUYE NEBACHELOR
“Zonke ezindawo sibona kutshabalala amadlelo kodwa konke kungaphantsi kolawulo.
“Umlilo kwiindawo ezifana neWindermere Road, Stonehenge Crescent eBeverly Grove, Victoria Drive kunye neseHappy Valley uvele wavumbuka waqala ngokutsha.”
Abasebenzi bethu kwicandelo lomlilo nabenkonzo zikaxakeka basemsebenzini sithetha nje bezama ukulwisana nalomlilo.
Nangona zingekho iindlela ezivaliweyo, uMasipala ubongoza abahlali ukuba bangayi kwiindawo ezichaphazelekileyo kwiinzame zokubakhusela.
“Iinkonzo zikaxakeka nabasebenzi bethu bazama ukumanzisa iindawo nomhlaba ukwenzela ungaqhubekeki lomlilo nangona kunomoya onamandla,” uyaqhuba uVan Niekerk.
FUNDA NALAPHA: HALALA: UGADE UVUYILE ZIZIPHUMO ZEBANGA LESHUMI
Njengokuba umlilo wamadlelo uchaphazele iindawo ezininzi eziquka iKouga ukuyofikelela eMossel Bay, uKevin Mileham wombutho weDemocratic Alliance uthe uxhalabile njengokuba kusitsha iintambo zombane zikaEskom.
Kusenjalo, uthe kufumaneka neentambo zombane ezibiweyo zidala umlilo njengokuba zirhuqa phantsi emhlabeni.
Ngokwengxelo yeDispatchLive, umlilo owathi waqala kuhola wendlela uN2 ukhokelele ekubeni kutshe ngoJanawari ngomhla wesihlanu ngomvulo kodwa wanwenwa ngolwesibini.
Kuvela neengxelo zokuba lomlilo waphenjelelwa ngumoya osuka elwandle nobubhudla ngamandla nangesantya esiphezulu.
Abahlali bashiyeke bejongene nomonakalo kwimpahla yabo kuquka izindlu, iimoto kodwa abantu baxelelwa okokuba baqaphele ngaphambi kokufuduswa.
