
UDUKE EMAPOLISENI UNGQONDONGQONDO WOO “ZAMAZAMA”
Uphuncuke ezandleni zamapolisa uJames Neo Tshoaeli, nowaziwa ngelika “Tiger”, otyholwa ngokuba ngungqondongqondo womkhambathi oshishina ngegolide eyombiwa ngokungekho mthethweni. Kungoku nje kukhatywa izicithi kunqikwa naphantsi kwamatye kukhangelwa lo mrhanelwa ngamapolisa kwiphondo loMntla Ntshona.

UTshoaeli ebephakathi kwabombi bemigodi abangekho mthethweni abahlangulwe kumnxuna uShaft 11 kummandla waseStillfontein kwiveki ephelileyo. Ngabombi mgodi abayi246 abahlangulwe besaphila kwiveki ephelileyo, lo gama abayi78 bebesele beswelekile. Phakathi kwabo abayi128 ngabemi baseMozambique, 80 ngabaseLesotho, 33 ngabaseZimbabwe, isihlanu ibengabaseMzantsi Afrika.

Ngokwengxelo yamapolisa akukho nto ebonisayo ukuba uTshoaeli uvalelwe phi okanye ukwesiphi isibhedlela, nanjengoko abanye oo “zama zama” befumana unyango esibhedlela. Kuye kwakhanya kwababetheyo ukuba u”Tiger” uphuncuke okwesepha emanzi ezandleni zamapolisa, kwaye kukholeleka ukuba akhona amapolisa amcedisileyo ekuqhwesheni kwakhe. Kusungulwe uphando lwangaphakathi esipoliseni ukufumana abo babandakanyeka kulento echazwe njengehlazo elishiye le nkonzo isifa zintloni.
Amapolisa athi iingxelo ezifungelweyo zabanye babo babanjiweyo zikhomba kuTshoaeli njengongqondongqondo walomkhabathi. Kukwatyholwa ngelithi abanye babo basweleke phantsi komhlaba kungengxa yezenzo zakhe, kwaye ibikwanguye obekhupha imiyalelo yokubethwa nokungcungcuthekiswa kwabantu phantsi komhlaba.
Aba “zama zama” bathiche ngaphezulu kweenyanga ezimbini emathunjini omhlaba, bengafuni ukunyukela ngaphezulu ngeliphepha ukubanjwa kwabo. Ekuhambeni kwethuba kusweleke abaliqela ngezizathu ezahlukeneyo eziquka ukulamba, nanjengoko uRhulumente waye wathabatha isigqibo sokungavumeli kokuthunyelwa kokutya ngethemba lokuba oku kuzakubangela aba bantu baphume.

Uluntu luyabongozwa ukuba lungazami ukusondela ku”Tiger” ukuba luye lwambona kuba unobungozi kwaye kukholeleka ukuba uxhobile. Nabani na onolwazi malunga nokuba angafumaneka phi uyabongozwa ukuba atsalele amapolisa akufutshane kuye.
