
ULUNGISIWE UCIMI-CIMI WOMBANE E-OR TAMBO
EKURHULENI: Ulungisiwe umbane kwisikhululo seenqwelo-moya samazwe ngamazwe iOR Tambo ngolwesibini.
Ngokwengxelo epapashwe yiSABC, esi sikhululo sichatshazelwe ngucimi-cimi wombane othe wenzeka kwisixeko saseKurhuleni.
Abakhweli beenqwelo-moya bachaphazelekile yilengxaki yaye neentatheli zeSABC zibethakele njengokuba bezisingise eKapa.
FUNDA NALAPHA: ITHIWE NKA NGOBOMI INDODA YASESTEKE NGOKUBULALA
Kwingxelo emfutshane ekhutshwe yinkampani elawula esi sikhululo, inkampani uAirports Company of South Africa ithe lengxaki iqale ngokuhlwa kwangomvulo.
“Lenkampani ithe umbane ubunengxaki ntoleyo eqale ngomvulo ngentsimbi yesixhenxe,” itsho iSABC.
“Kubenengxaki yokuwa kombane ochaphazele iinkonzo zokunkinkisha umbane zikaMasipala.
“Ukuzakuthi ga ngoku, loMasipala usaphanda kwiinzame zokufumana imbangela yalengxaki.”
Kusenjalo, lenkampani iACSA ibixhalabile emva kwesisehlo njengokuba umbane ungachaphazela ukutha amafuTha kwiinqwelo-moya kunye nezinye iinkonzo.
FUNDA NALAPHA: IDE YAPHELA EKAMOKATE NOVODACOM
iACSA iqhube ngelithi zonke iinkonzo zakwesisikhululo ziyaqhuba ngaphandle kwamaginxi-ginxi kuquka nezo zokuphatha imithwalo.
Ngaphezu koko, kuvele ukuba lenkampani ithe yakwazi ukuphakamisa iigenerator ukwenzela okanye ukuthintela uphazamiseko kwiinkonzo jikelele.
Esi sehlo senzeka nje ngaphambi kokuba kuqale indibano okanye ingqungquthela yeG20 ekulindeleke isingathwe sisixeko saseRhawutini nalapho kulindeleke iinkokheli zamazwe ngamazwe.
NguPhumzile Ngcatshe
