SOZE NDIKUKHUPHE NGEBHEYILE YE-R1000: UMANTYI
Ebefuna ukukhululwa ngebheyile yeR1000 umcuphi otyholwa ngokutshayisa abulale umntwana ngesithuthi somsebenzi kwilokishi yaseThembalethu, eGeorge. U-Warrant Officer, Zolani Jele (46) wesikhululo samapolisa kulelokishi uvele kwinkundla kamantyi yaseGeorge ngoMvulo emva kokubanjwa kwakhe kuLwesihlanu kuleveki iphelileyo. Kutyholwa ngokuba abantwana ababini abaneminyaka emithathu nemine (3 and 4years old) ubudala batshayiswa sisithuthi sohlobo lweNissan Hardbody emhlophe kwindlela iNelson Mandela Boulevard ngomhla we29 kweyeKhala (29 July).

Isithethi secandelo eliphanda amatyala ngakumapolisa i-IPID, uPhaladi Shuping uthi ababantwana baye baleqiselwa esibhedlela, nalapho ixhoba elineminyaka emine lasweleka khona. Ixhoba lesibini laye lafumana unyango laze lakhululwa kamva esibhedlela. Emva kophando lweIPID kuye kwakhutshwa umsila wengwe wokubanjwa kukaJele ngoLwesihlanu kuleveki iphelileyo.
Ekuqaleni ebezakuvela kwinkundla kamantyi yaseThembalethu ngalentseni, kodwa izinto ziye zatshintsha ngomzuzu wokugqibela ngethuba elityala litshintshelwa kwinkundla kamantyi yaseGeorge. Isizathu sokutshintshwa kwenkundla asikaziwa nangona kukho amarhe athi inkundla ibiphepha ukuvuselela amanxeba kwiintsapho zamaxhoba.
Ngethuba leengxoxo zokufakwa kwesicelo sebheyile, igqwetha likaJele lixelele inkundla ukuba angafikelela kwimali engange R1000. Umantyi uye wasibhebhethela kude esosiphakamiso ngelithi umtyholwa ujamelene namatyala anobuzaza kakhulu ukuba angakhululwa ngemali encinci oluhlobo. Le mali iye yaxhonywa ukuya ku R5000 ukuze abe kanti ukhululwa ngebheyile lo mcuphi.
Umtyholwa ujamelene namatyala asixhenxe aquka: ukubulala ngempazamo, ukuzama ukubulala, ukubangumqoqbo endleleni yobulungisa, ukuqhuba ngokungenankathalo nokufeda ekuchazeni iziganeko kungagqithanga iiyure eziyi24 phakathi kwamanye amatyala. Ityala limiselwe umhla we3 kweyoMsintsi (3 September) nalapho kulindeleke ligqithiselwe kwinkundla yenqila yaseThembalethu.
