BATYHOLWA NGOKUBULALA ABANTWANA OOMAMA

Kubanjwe oomama ababini ngokunxulumene nokubhubha kwabantwana babo eOudtshoorn nasePlettenberg Bay kuleveki iphelileyo. Kwisiganeko sokuqala, kubanjwe ibhinqa elineminyaka engamashumi amathathu anethoba ubudala emva kokufunyanwa komzimba womntana walo oneminyaka esixhenxe ubudala egumbini lokulala ekhayeni labo eBridgeton eOudtshoorn ebutsheni kulenyanga. Ntlandlolo amapolisa ebevule idokethi lophando, kodwa utyando lomzimba lufumanise ukuba lo mntana ukrwitshwe wabhubha.

Kwisiganeko sesibini, kufunyenwe umzimba wemveku ekucingelwa ukuba inentsuku ezintathu izelwe ecaleni kukahola wendlela uN2 ngakwilokishi yakwaNokuthula ePlettenberg Bay ngomhla weshumi elinethoba kuAugust 2024. Kubanjwe ibhinqa elineminyaka engamashumi amabini anesithathu ubudala elabeleka ebutsheni kulenyanga ngetyala lokubulala. Kulindeleke ukuba livele kwinkundla kamantyi wasePlettenberg Bay namhlanje. Amapolisa athi bobabini abamama bajongene namatyala okubulala.