
ASIKATHATHWA ISIGQIBO NGOMCUPHI OTYHOLWA NGOBULALA
Akukacaci ukuba ngaba uZolani Jele (46) ongumcuphi nobanjelwe isityholo sokubulala ngengozi, usezakuqhubeka nomsebenzi kusini na. Umkomishinala wamapolisa kwigingqi yeGarden Route, uNorman Modishana uthi usungule uphando lwangaphakathi oluzakuphonononga ukuba uJele amiswe okanye aqhubeke nomsebenzi.
Oku kuza lo gama lo mcuphi engaphandle yebheyile yeR5000 emva kokubanjwa ngesityholo sokutshayisa abulale umntwana oneminyaka eyi4 ubudala kwinyanga ephelileyo. Kwesosiganeko kwaye konzakala omnye umntwana oneminyaka emithathu ubudala kwindlela iNelson Mandela Boulevard.
Uphando lwebutho elijongene nezenzo ezigwengxa ezenziwa ngamapolisa, i-IPID lafumanisa ukuba nguJele owayeqhuba isithuthi sikaRhulumente esabangela le ngozi, laze layalela ukubanjwa kwakhe kwiveki ephelileyo. UJele ujamelene namatyala aquka ukubulala ngengozi, ukuzama ukubulala, ukungamisi emva kokugila umntu, ukungungachazi ingozi zingagqithanga iiyure eyi24. Elityala lizakugqithiselwa kwinkundla yenqila yaseThembalethu ngomhla we3 kweyoMsintsi (3 September).
