UDALE INGOZI EMASIKIZI UMOYA

Umoya obhudla ngamandla udale ingozi esube imiphefumlo emibini kwaze konzakala abantu abane. Oku kwenzeke kuhola uN6, ngomkhono phambi kwentsimbi yokuqala namhlanje, phakathi kwedolophu yaseJamestown nakuKomani kwiphondo leMpuma Kapa. Ngokwengxelo yesebe lezothutho kweliphondo umqhubi wesithuthi sohlobo lweRenault Sandero uye waphulukana lwaso ngethuba siphephethekiswa ngumoya.

Esisithuthi besinabantu abathandathu, kuquka umntwana oneminyaka emibini ubudala. Abonzakeleyo baquka abasetyhini ababini, omnye wabo ingumqhubi, endoda enye kunye nomntwana. Bobane baleqiselwe kwisibhedlela iFrontier kuKomani apho bafumana khona unyango.