
UZAKUBAMDE uJANU-WORRY KWINDODA EFUNA IMALI ENGENAYO
Basinde cebetshu abasebenzi bebhanki emva kokuba indoda irhole umkhonto ngenxa yomyalezo weATM othi “insufficient funds.” Esisiganeko senzeke kwidolophu yaseWellington kwinqila yeCape Winelands ngoLwesithathu weveki ephelileyo. Ingxelo ithi lendoda ineminyaka eyi41 ubudala ibiyokutsala imali kwibhanki yakwaCapitec.
Kutyholwa ngelithi iye yavuka umnyele emva kokuphuma kwesibhilivana kwiATM sisithi ayinayo imali kwiAccount yayo. Malunga necala emva kweyethoba ekuseni (09:30), ngokwengxelo yamapolisa, umrhanelwa urhole umkhonto wagunyazisa abasebenzi bale bhanki ukuba bamnike imali. Lo mrhanelwa ukwatyholwa nokuhlasela amapolisa ebezokusabela nto leyo ekhokelele ekudutyulweni kwakhe emlenzeni.
Uye waleqiselwa esibhedlela ukuze ayokufumana unyango. Oku kwenzeke umrhanelwa engaphantsi kweliso lamapolisa nanjengoko kufuneka eyokuziphendulela enkundleni kwityala ajamelene nalo lokuzama ukubulala.
