UBANJIWE OTYHOLWA NGOXABELA IMVEKU

Amapolisa akuMzantsi Koloni aphanda unobangela wokubhubha kwemveku eneminyaka emibini izelwe kwilokishi yaseSmutsville, eSedgefield izolo. Amapolisa athi abizelwe endlini ethile malunga nentsimbi yeshumi elinambini emini emaqanda aze ekufikeni kwawo afumana umzimba walomntwana unamanxeba aliqela okuhlatywa. Ixhoba libhengezwe njengelibhubhileyo kwindawo yexhwayelo. 

Indoda ekurhaneleka ukuba iyabandakanyeka ekubulaweni kwalomntana ikhatshwe lilungu lasekuhlaleni ukuya kwisikhululo samapolisa apho iye yavalelwa khona. Isithethi samapolisa, uChris Spies uthi lo mrhanelwa uneminyaka engamashumi amabini ananye ubudala useselugcinweni lamapolisa kwaye uzakuvela enkundleni xa sele ebekwe ityala ngokusesikweni.