ABALENZANGA IXESHA ABATYHOLWA NGOKUFUNA IMALI NGONDLELA MNYAMA

Kudutyulwe kwabulawa abarhanelwa abane ekutyholwa ngokuba ngamalungu omkhambathi ofuna imali ngondlela mnyama ngethuba lodubulwano namapolisa eMilnerton, eKapa phezolo. Abanye abarhanelwa abane, nabaneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesithathu namashumi amathathu anesibhozo ubudala, bonzakele ngokumasikizi kwaye baphantsi kweliso lamapolisa esibhedlele. 

Amapolisa afumene imikhono yekati emine neembumbulu kwitaxi ebebehamba ngayo abarhanelwa. Isithethi samapolisa eNtshona Koloni, uNovela Potelwa uthi amapolisa athe xa elandela le taxi adutyulwa ngabantu ebebengaphakathi kuyo, nto leyo ikhokelel ekubeni abuyise iimbumbulu. Uthi uphando lwabo kulenyewe luyaqhuba.Â