I-National Treasury imisa okwethutyana inkxaso-mali koomasipala abangama-69

I-National Treasury ibhengeze ukuba imise okwethutyana inkxaso-mali kaJulayi koomasipala abangama-69 kwilizwe liphela.

Eli nyathelo lithathwe ngenxa yokungathotyelwa koMthetho woLawulo lweMali yooMasipala (MFMA) kunye nokusetyenziswa gwenxa kwemali karhulumente.

I-National Treasury ithi abanye oomasipala benze inkcitho engekho mthethweni, inkcitho engenanzuzo, kwaye basilele ukulawula imali ngendlela efanelekileyo.

Le nkxaso-mali iza kukhululwa kuphela xa oomasipala abachaphazelekayo befezekise imiqathango ebekiweyo baza babonisa ukuba bayayithobela imithetho yezemali.

ngezantsi.Imithombo: IOL | National Treasury

Funda kwakhona: Kubanjwe owesithathu kwityala leR15 lezigidi zeerandi “R15 million”

Ungathanda nalapha: U-Uncle Vinny Usematheni Ngezityholo Zokuxhaphaza Owayesakuba Yintombi Yakhe