
BUKELA: UHLAHLO-LWABIWO MALI LUKAGODONGWANA
EKAPA: UMphathiswa Wezemali uEnoch Godongwana uthi uzimisele ukulonyusa izinga lamatyala loMzantsi Afrika.
UGodongwana uthethe oku ePalamente eKapa ngalenjikalanga apho ebesithi thaca uhlahlo lwabiwo mali yalonyaka u2025.
UMphathiswa uthe ixabiso letyala loMzantsi Afrika lizakonyuka ngomyinge ngamanqaku angama3.8 esithi ngumahluko omkhulu lowo ukusukela kumyinge ongu7.4 olindelekileyo.
FUNDA NALAPHA: ULUNGISIWE UCIMI-CIMI WOMBANE E-OR TAMBO
OkaGodongwana uthe xa ujonga uhlahlo-lwabiwo mali embindini lwalonyaka iMid-Term Budget Policy Statement (MTBPS), uthe oku kwenzeka okokuqala ukususela ngo2008 nalapho zazishokoxekile iimali zeli.
Ngaphezu koko, uMphathiswa uthe lonto ithetha okokuba ityala loluntu alizukwenyuka.
Nangona evuma kunemiceli-mngeni, uthe uzimisele ukuguqula izinto kulonyaka ethembisa okokuba inzuzo izakufikelela kwizigidi-gidi ezingamaR19,3 zeebhiliyoni – esithi ityala lehlile ngeR4,8 yezigidi-gidi.
“Kulonyaka-mali, ityala kunye neendleko zilindeleke ukuba zehle ngomyinge ka3,8 ngonyaka. Yinto enkulu leyo ngokuba iyehla ukusuka kumyinge ongu7.4 olindelekileyo,” utshilo uGodongwana.
FUNDA NALAPHA: ITHIWE NKA NGOBOMI INDODA YASESTEKE NGOKUBULALA
Kusenjalo, uGodongwana uxelele iPalamente ukuba uhlahlo-lwabiwo mali luzakwenyuka ukusuka kwiR8,5 yezigidi-gidi ngo2025/26 ukuya kwiR24 yezigidi-gidi ngoka2028/29.
“Lilonke uhlahlo-lwabiwo mali luzakwehla kancinci ngomyinge ka4.5 kwiGDP ngo2025/25 ukuya ku2.7 ngo2028/29,” uyaqhuba.
Ngokwengxelo yeSABC, UGodongwana unethemba lokuba ukukhula kwento ayibize ngeprimary surplus kuzakunceda urhulumente azinzise yaye akwazi ukuhlawula amatyala.
NguPhumzile Ngcatshe
