ISIKHULU SEPSL SITHI UKHOZA ULAWULA NGEGQUDU

NguPhumzile Ngcatshe

PSL: Umphathi weBlack Leopards uDavid Thidiela utyhola ngelithi uIrvin Khoza ongusihlalo wePSL ulawula ngegqudu.

UThidiela uthi akakwazi kuwuvala umlomo ebona liyonakala ibhola laseMzantsi Afrika ngenxa yomntu omnye onguzwilakhe.

Lomnikazi weLidoda Duvha okwangusomashishini ozinze eThohoyandou uthi uKhoza unamandla ukogqitha uMongameli uCyril Ramaphosa.

Oku kuvele kwingxoxo kaThidiela nesikhululo seSABC iRadio 2000 kuleveki nalapho ememelela ukuba uMphatshiswa Wezemidlalo uGayton McKenzie angelele.

FUNDA NALAPHA: UBROOS UKAFUNI KUBAHOYA ABAGXEKI BAKHE

Kusenjalo, uThidiela uthi kudala wabhala iincwadi evakalisa ukungonwabi kwakhe ngoKhoza okwangusihlalo weOrlando Pirates.

“Leligi yethi ilawulwa nguIrvin Khoza yedwa. Izwi lakhe lelokugqibela yaye ulawula ngegqudu – nguzwilakhe,” utsho uThidiela.

“Kuleligi, kukuba nje uvumelane naye uIrvin Khoza okanye ungaphandle. Andikwazi ke ukuvumela lonto yenzeke mna. Ndibhale incwadi esingise kuMphathiswa uMcKenzie, makangenelele.

“Andifuni ukuthetha kakhulu okwangoku kodwa kuninzi endingakuthetha yaye ndizimisele ukwenza njalo.

“Ndizakumnika imizekelo exhasa izikhalazo okanye izityholo zam uMphathiswa ezijongene noIrvin Khoza kunye noMato Madlala (umphathi wePSL).”

Kusenjalo, uThidiela uthi akahambisani nokuba uKhoza aphathe iPSL kodwa usekwangusihlalo okanye umnikazi wePirates.

“Oko ndachasana nalonto kwasekuqaleni yaye kuqale apho ukungaboni ngasonye phakathi kwam naye. Andizange ndambona usihlalo onamagunya angaka,” uyaqhuba.

FUNDA NALAPHA: UZWANE NGEDINGA NOMOKWENA KWI-CAF CL

“Unamandla ukogqitha uCyril Ramaphosa. Ndibhale iincwadi ezininzi ezingise kuIrvin okokuba akakwazi kuphatha iPSL abe engumnikazi wePirates.

“Bonke abantu bayayazi lonto, ungabuza uRob Bernadie, uJohn Comitis kunye noStan Matthews. Ungabuza wonke umntu ophaya bangakuxelela ndayibhala incwadi. Andizithethi iznto bucala mna.

“Kodwa oko ndandisilwa nalengxaki iminyaka. Andonwabanga yilento iminyaka emininzi, kwasekuqaleni ndayichasa.”