EZIMNAYMA ZINGOHLUKANA NOMOFOKENG OFUNWA EMELIKA

BETWAY PREM: Iindaba ezintsha zidiza ukuba iOrlando Pirates ingaphulukana noRelebohile Mofokeng ofunwa liqela laseMelika.

Lomdlali weBafana Bafana uyafunwa liqela iMinnesota FC edlalelwa nguBongokuhle Hlongwane naye odlalela iBafana.

Iiingxelo zithi intatheli yaseMelika uTom Bogert uthi eliqela lifake isicelo sokusayina uMofokeng ngemali engangeR35 yezigidi. ($2 million).

FUNDA NALAPHA: Lifunda Lukhulu KuMbane Elizibona KwiSundowns

Ngaphantsi KukaJose Riveiro, uMofokeng uqhuibe kakuhle kakhulu kwesizini ezimbini ezigqithile nalapho eqokelele amawonga afana neBetway Premiership Young Player of the Season izihlandlo ezimbini.

Elityendyana elineminyaka engama20, kwavela iindaba zokuba lingahamba liye eSaudi Arabia kwiAl-Ettifaq, kodwa yakhetha ukusayina uMohau Nkota kwinyanga ephelileyo.

FUNDA NALAPHA: RIP: FORMER PIRATES STRIKER PASSES AWAY

Kusenjalo, uBogert uyachaza ukuba iMinnesota isesezingxoxweni neZimnyama Ngenkani nalapho isigqibo singapapashwa kungentsuku zatywala.

Ngaphezu koko, lentatheli ithi eliqala aelidlala kwiMajor League Soccer liyamthanda lomfana ozalelwa eVaal eRhawutini.