
KUKHANGELWA IBHINQA ELIDUKE NESINQANDAMATHE
Abecuphi besikhululo samapolisa saseFort Beaufort eMpuma Koloni bacela uncedo loluntu ekukhangeleni uZintle Takane, oneminyaka engamashumi amabini anesine ubudala onyamalele ngolwesihlanu kuleveki iphelileyo.
U-Takane wagqityelwa ukubonwa ngesithuba sentsimbi yethoba ebusuku (21:00) ekunye nesinqanda mathe sakhe eMike Valley, eFort Beaufort. Kutyholwa ngokuba wemka nesinqandamathe sakhe behamba ngemoto eluhlobo lweMercedes-Benz emhlophe kwaye wagqityelwa ngoko ukubonwa. Isinqandamathe sakhe naso asifumaneki.
Kucelwa nabani na onokuthi ancedise amapolisa ekukhangeleni uTakane okanye isinqandamathe sakhe ukuba atsalele umphandi, uDetective Constable Siphosoxolo Luvatsha ku-066 320 6084 okanye amapolisa aseFort Beaufort ku-046 645 1133 okanye uCrime Stop ku-08600 10111.
