IBHIYOZELA USUKU LOKUZALWA iANC
Ugalelekile kwiholo laseThembalethu usekela mongameli weANC, uPaul Mashatile ezokubhiyozela umhla wokuzalwa kwalombutho. Namhlanje, umhla we8 kweyoMqungu, lo mbutho ufinca iminyaka eyi113 wasekwayo kwityalike yamaWesile kwisixeko saseBloemfontein ngonyaka ka1912.
Usekela mongameli walombutho undwendwele ingingqi yoMzantsi Kapa ngelizokubhiyoza namalaungu kunye nabaxhasi balombutho eGeorge. Ukusukela ngentseni amalungu walombutho namahlakani wawo ebegaya inkxaso kule lokishi nasedolophini ngelimema uluntu ukuba lube yinkxalenye yalemibhiyozo. Kulindeleke kusikwe iCake njengenxalenye yalemibhiyozo.
Owona mbhiyozo umkhulu, nowaziwa njenge “January 8th Statement”, uzakubanjelwa kwilokishi yaseKhayelitsha kwisixeko saseKapa ngomGqibelo. Kulindeleke ukuba abaxhasi namalungu walombutho aphume mbombo zonke zeli ukuya kubhiyoza nalombutho. Kulindeleke umongameli walombutho uCyril Ramaphosa anike ingxelo ngomgama osele ohanjiwe ngulombutho ebuRhulumenteni ukuphucula iimpilo zoluntu, ekwanika nomkhombhadlela woko kusezakwenziwa ukubheka phambili.

