MASIMANYE iANC UKUYA KU2026

“Thina sazi uMkhonto Wesizwe wokwenyani, hayi lonomgogwana siwubona ezitalatweni ngoku”. Lawo ngamazwi kasekela mongameli weANC uPaul Mashatile ngethuba kubanjwe umbhiyozo wokufinca iminyaka eyi113 wasekwayo lombutho. UMashatile uchazele amakhulukhulu wabaxhasi malunga nembali yalombutho ukusuka ekusekweni kwawo ngomhla we8 kweyoMqungu (January) kwityalike yamaWesile kwisixeko saseBloemfontein ngonyaka ka1912.

Amakhulukhulu wabaxhasi beANC bephulaphule intetho kasekela mongameli walombutho uPaul Mashatile.

“Lo mbutho wasekwa ngeenjongo zokumanya isizwe esimnyama ukuchasa inkqubo yengcinezelo. Ekuhambeni kwethuba kwasekwa ibutho loMkhonto Wesizwe, neyabaliphiko lomkhosi, hayi lonomgogwana siwubona ezitalatweni ngoku.” Lo kaMashatile ukhwele ezehlela egxibha iqela loMkhonto Wesizwe elasekwa ngowayesakuba ngumongameli weANC uJacob Zuma, ngelithi ngumbutho olahlekisa uluntu.

Iinkokheli zeANC zikhokelwa ngusekela mongameli uPaul Mashatile zisika ikhekhe losuku lokusekwa kwalombutho.

Ukwamemelele kumalungu weANC ukuba amanyane ekukhuliseni lombutho, endaweni yokulwela izikhundla. “Siya kunyulo luka2026, kufuneka sifike siyiANC emanyeneyo ukuba sifuna ukuqhuba kakuhle. Lombhiyozo uqukunjelwe ngokusikwa kwekhekhe lokuzalwa kwalombutho, nekuzakuphiswa ngalo kwiCrech zasekuhlaleni nakumanye amakhaya. Umbhiyozo omkhulu weliqela uzakubanjwa kwibala laseKhayelitsha kwisixeko saseKapa ngomGqibelo.