Iindlela ezi-5 zokuthomalalisa uxinzelelo ngaphambi komtshato

Ukucwangcisa umtshato kunokuba nzima kakhulu, ingakumbi kubantu abasebenza ixesha elipheleleyo.

Ukulungiselela umsitho, i-honeymoon, uze kwangaxeshanye uqhubeke nomsebenzi wakho we-nine-to-five kunokukushiya udiniwe nengqondo ixinekile.

Kungenxa yoko le nto kubalulekile ukulawula olo xinzelelo ukuze usuku lomtshato luhlale luyinkumbulo entle.

Ngokweengcebiso zeElegant Bridal, inyathelo lokuqala kukwakha ishedyuli yokuzinyamekela.

Ukuhlamba ingqondo nomzimba, kunye nemizuzu eyi-15 ukuya kweyi-20 yemihla ngemihla, kunokukunceda uphefumle uze ugxile kuwe kunokuba ugxile kumalungiselelo kuphela.

Ungadibanisa nemikhwa enjengokuzilolonga, ukuhamba, okanye into oyithandayo.

Enye indlela eluncedo kukucamngca imizuzu eli-15 ngosuku.

Njengoko iElegant Bridal icacisa, akufuneki “uzame ukucothisa okanye ukulawula iingcinga zakho; gxila nje emoyeni ongaphakathi kwimiphunga yakho.”

Oku kuthomalalisa umzimba nengqondo. Ukulala kakuhle nako kubalulekile, kuba ukungalali kwandisa uxinzelelo kwaye kuchaphazela indlela obonakala nowuziva ngayo ngosuku olukhulu.

Kwakhona kufuneka uqonde ukuba uxinzelelo luvela phi.

Chonga izinto ezikwenza uxhalabe kakhulu kumalungiselelo omtshato, uze ucinge ukuba zingadluliselwa komnye umntu okanye zigqitywe kwangoko.

Xa usazi izinto ezibangela uxinzelelo, ungena kuzo ulungile, nto leyo eyenza zingabi nzima njengakuqala.

Okokugqibela, thetha neqabane lakho ngokunyanisekileyo.

Umntu oza kutshata naye usenokuba ujongene noxinzelelo olufanayo kodwa engakutsho.

IElegant Bridal icebisa ukuba “vuleleka, uthethe inyani yonke, ungagqumi indlela oziva ngayo,” kuba loo nto yakha isiseko esomeleleyo sobomi benu kunye.

I-BONA ikwacebisa abafundi ukuba bajonge nebali elinxulumene noMetro FM DJ Sabby nomtshato wakhe wesintu.