UMEC FANTA UPHEHLELELE IPHULO LEGBV EMALETSWAI

NguPhumzile Ngcatshe

MALETSWAI: UMphathiswa wezentlalo-ntle nophuhliso loluntu uBukiwe Fantsa uphehlelele iphulo oluchasene nobundlobongela obusingiswe kwisini.

Eliphulo eliquka nokulwisana nobundlobongela ubusingiswe ebantwaneni iGBV, lisungulwe eMaletswai okanye idolophu eyaziwa ngeAliwal North.

Lomsitho ubuzinyaswe nguMeya waseWalter Sisulu Local Municipality uVania Davids kuquka neenkokheli zasekuhlaleni.

Nangona kusaziwa ukuba elixesha leziyunguma lixesha lolonwabo, kodwa abantu basetyhini nabantwana bathe gqolo ukuba ngamaxhoba obundlobongela.

FUNDA NALAPHA: ANQONGOPHELE AMAFUTHA KWISIKHULULO EKAPA

“Namhlanje sima sisonke ngeenjongo zokuthetha nokulwisana nomkhuba weziyobisi kunye nobundlobongela olusingise kwabasetyhini,” utshilo uFanta.

“Siyayazi into yokuba iziganeko zobundlobongela ziyonyuka kwelixesha leziyunguma. Ngumsebenzi noxanduva lwethu ukuba siqinesikise ukhuseleko lwabantu bethu.

“Asikwazi ukusombulula iingxaki ezinje umntu ezimele yedwa. Kufuneka sibambisene sisonke ekuhlaleni nakuluntu lwethu.

“Abazali, ulutsha kunye neenkokheli zethu kufuneka sikwazi ukuba sihlale kwindawo ezikhuselekileyo.”

Kusenjalo, uDavids yena uthe uMasipala uzumisele ukudlala indima ekulweni nobundlobongela ikakhulu iGBV.

“Kufuneka sisebenzisane siluluntu silwisane nalomkhuba weziyobisi nobundlobongela. Kufuneka sixhobise uluntu lwethu ngolwazi,” utshilo.

Ngaphezu koko, iinkokheli zoluntu zithe zabamba ibhunga apho bekubanjwe iingxoxo namava aphathelene neziyobisi.

FUNDA NALAPHA: ULUNGISIWE UCIMI-CIMI WOMBANE E-OR TAMBO

UFanta uthe wagxininisa ukubaluleka kokwabelana ngolwazi, esithi urhulumente uzimisele ukuba abantu bahlala kwiindawo ezikhuselekileyo.

“Njengokuba sibhiyozela ezintsuku zeziyunguma, kubalulekile ukuba sikhumbule izenzo zethu zingakwazi ukuguqula imeko yasekuhlaleni,” uqhubile.

Ukanti ke uMkomishinalaa Wamapolisa eJoe Gqabi uMajor-General Lindelwa Vellem uthe sele bewaqalile amaphulo okulwisana nobundlobongela nolwaphulo-mthetho.

“Singamapolisa siyalufuna uncedo kubantu bethu – asikwazi kulwa sodwa. Siyafuna ukuba uluntu luze ngaphambili luchaze iziganeko zolwaphulo-mthetho,” utshilo.