
ANQONGOPHELE AMAFUTHA KWISIKHULULO EKAPA
NguPhumzile Ngcatshe
EKAPA: Ziyaqhubeka ukuphazamiseka iinqwelo-moya kwiskhululo samazwe ngamazwe eKapa njengokuba kunqongophele amafutha.
Kwingxelo edizwe sisikhululo iCape Town International Airport, iinqwelo-moya zichanekile ukanti oku kuthe kwachaphazela iinqwelo ezintingela kwamanye amazwe.
Ngokutsho komphathi weFuels Industry Association of South Africa uAvhapfani Tshifularo, uthe ukunqongophala kwamafutha kulandela uphengululo oluqhubayo olwenziwa ngaberhafu uSARS.
FUNDA NALAPHA: UMEC FANTA UPHEHLELELE IPHULO LEGBV EMALETSWAI
Oluphengululo lweencwadi luchaphazele ukunkinkishwa kwamafutha eenqwelo-moya eBurgan Cape Terminals kwiziko iPort of Cape Town elithutha amafutha kwesi sikhululo.
Kusenjalo, uTshifularo uthe olunqongophalo luqale ngomgqibelo yaye kulindeleke ukuba luqhube de kube ngolwesihlanu.
“Iinzame zokufumana amafutha ziyaqhuba kwezinye izikhululo ezifana neOR Tambo eRhawutini,” utshilo Avhapfani Tshifularo.

“Nangona kunjalo, ezonzame ayisiso isisombululo esingathatha ixesha elide kodwa yindlela yokuba sifumane ukufumana amafutha kwesiskhululo saseKapa.
“Eyona ndlela ingakwazi ukunceda isikhululo saseKapa kukuba sifumane amafutha eKapa hayi kwenye indawo.
FUNDA NALAPHA: ULUNGISIWE UCIMI-CIMI WOMBANE E-OR TAMBO
“Sithetha ngeelitha ezizigidi ezilishumi elinesihlanu apha ezingavumelekanga ukuba zisetyenziswe okanye zithiwe kwezinqwelo-moya.
“Oku kuthetha ukuba singaqikelela lamafutha ukuba athwale ezinqwelo-moya iintsuku ezingamashumi amathathu.”
