UCassper Nyovest uza kuba ngumsasazi weeSouth African Music Awards zama-32

Imvumi nomrhwebi uCassper Nyovest uqinisekisiwe njengomsasazi weeSouth African Music Awards (SAMAs) zama-32.

Lo msitho uza kubanjelwa eSun City Superbowl eMntla Ntshona ngomhla we-15 Agasti.UCassper ubhengeze ezi ndaba ngevidiyo ayithumele kumakhasi akhe onxibelelwano.

Kwividiyo yakhe uthe uyavuya kuba ngoku sele eqinisekisiwe njengomsasazi weeSAMAs zalo nyaka, waza wathembisa ukuba kuseza kubakho ezinye izibhengezo kwiiveki ezizayo.

Funda nalapha: UL’vovo Derrango uvula isifuba ngedabi lakhe nesifo sokufa icala (stroke)

Le mvumi ikwaveze ukuba emva kweminyaka ephantse ibe lishumi ingavani nabaququzeleli beeSAMAs, ngoku omabini amacala afikelele kwisivumelwano.

UCassper uthe ukholelwa ukuba umsitho walo nyaka uza kuba mkhulu kakhulu kwaye uza kushiya abalandeli bonwabile.

Ungathanda nalapha: IsiXeko saseTshwane samkela uhlahlo-lwabiwo mali olutsha lokuphucula iinkonzo

Iphondo loMntla Ntshona sele lamkela iiSAMAs izihlandlo ezininzi ngaphambili, kwaye lithathwa njengelinye lamakhaya alo msitho womculo odumileyo.

UMphathiswa wezoBugcisa, iNkcubeko, iMidlalo noLonwabo eMntla Ntshona, uGalebekwe Tsotso Tlhapi, uthe iphondo likulungele kwakhona ukwamkela lo msitho nokwamkela iindwendwe ezivela kwiindawo ngeendawo zelizwe.

Imithombo: South African Music Awards (SAMAs), SABC News, TimesLIVE