
URamaphosa ulumkise abaqeshi ngokuqasha abantu abangenamaphepha eMzantsi
UCyril Ramaphosa utyityimbisele umnwe abaqeshi abaqesha abemi bamanye amazwe abangenazo iimpepha ezisemthethweni zokusebenza emva kokwanda koqhushululu lwe March and March.
Kule ntlalontle yangoku eMzantsi Afrika, umba odibene nabemi bamanye amazwe abahlala nabasebenza kweli lizwe ngaphandle kweempepha-mvume usengundabamlonyeni.
Esi silumkiso sikaMongameli siza kulandela imikhankaso eqatha eyenziwa ngamapolisa phantsi kwe-Operation Shanela kule veki.
Ugxininise ukuba amashishini aphula le mithetho aza kujongana nengalo yomthetho ngaphandle kokuthandabuza.
Kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo amapolisa abambe amawaka ngamawaka abantu abafika kweli ngendlela engekho semthethweni kwiPhondo laseGauteng, KwaZulu-Natal nakwezinye iindawo.
Kwathathwa nezinto ezingekho semthethweni ezifana necuba notywala bezigidi ngezigidi zerandi okubonisa ukuba urhulumente ngoku uqinisa imithetho kakhulu kwimida nasemishishinini ukuze kuliwe nalo mkhuba.
Lo mthetho mtsha uchaphazela wonke umntu okwimarike yezabasebenzi, ngakumbi ulutsha olukhangela imisebenzi mihla le.
Urhulumente uthi ufuna ukuqinisekisa ukuba imisebenzi inikwa abantu ngokusemthethweni kwaye namalungelo abasebenzi ayakhuselwa ngokupheleleyo.
Abaqeshi bayalelwa ukuba bahlolisise iimpepha zabo bonke abantu ababaqeshayo phambi kokuba babangenise emsebenzini ukuze bangangquzulani nomthetho.
*SANews(government news agency)
Ubuke wava: Kulumkiswe uluntu ngobuqhophololo bezindlu zeRDP eFree State
