
UBROOS UKAFUNI KUBAHOYA ABAGXEKI BAKHE
BAFANA: Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos uthi akanaxesha yaye akabahoyi abagxeki bakhe.
UBroos uthi akayihoyi ingxolo esuka kumakhasi ezonxibelelwano nalapho efumana ukugxekwa ngabalandeli bebhola ekhatywayo.
Lomqeqeshi uphawule ngoluhlobo kwingxoxo neentatheli ngaphambi komdlalo wobuhlobo neqela laseZambia kulempelaveki.
FUNDA NALAPHA: UZWANE NGEDINGA NOMOKWENA KWI-CAF CL
IBafana izakuqubisana neChipolopolo kwibala iNelson Mandela Bay eGqeberha ngomgqibelo – uBroos uthi uyazihleka iintetha zabagxeki bakhe.
Izigxeko ngakulomqeqeshi waseBelgium zivela ngenxa yeentetha zakhe ingakumbi kubadlali beqela elifana neKaizer Chiefs njengokuba abalandeli besithi akalithandi eliqela laseNaturena.
“Ndiyafuna ukunibulela nizintatheli nangokuba niyitethe lonto. Bendingayazi into yokuba ndiyagxekwa okanye abantu baziva kanjani ngam,” utshilo uBroos.
“Mna andimhoyi umntu othetha kumakhasi ezonxibelelwano. Andwalandeli amaqonga anjalo – ndicinga ukuba xa ndizifunda ezozinto ndivele ndizihleke.
“Aba ngabantu abacingela ukuba babalulekile, ndiyazi kulamaqonga umntu angathetha nantoni na kodwa bubuvuvu nje.
FUNDA NALAPHA: UJORDAAN UNGQINA UKUBUYA KUKA-ELLIS
“Abanye bakrwada yaye ke ayindichaphazeli konke konke mna.”
Ukanti lomdlalo wobuhlobo ubekelwe intsimbi yesithandathu nalapho uBroos ezilungiselela ukuya kwitumente yeCAF AFCON kwinyanga ezayo.
NguPhumzile Ngcatshe
