
UMYALEZO OBUHLUNGU KANABI ESHIYA EZASENATURENA
BETWAY PREM: Owayesakuba ngumqeqeshi weKaizer Chiefs uNasreddine Nabi uthi kubuhlungu ukushiya eliqela.
Lomqeqeshi ubone iibhatyi zakhe zigcwala umoya emva kokuqhawula umtshato nezinkunzi zaseNaturena ngolwesihlanu.
Ezindaba zidizwe leliqela emva kokusasaza ingxelo emfutshane lisithi lamaqela omabini avumelene ngokuqhawula umtshato.
FUNDA NALAPHA: UBROOS UVUMA UXANDUVA NGOMOKOENA NEFIFA
Nangona lomqeqeshi ethe wakwazi ukubuyisa isidima seChiefs ephumelela indebe yeNedbank Cup emva kweesizini ezilishumi kwisizini ephelileyo, imchithile iChiefs.
Ephawula kwikhasi lonxibelelwano uInstagram, uNabi wenze elombulelo kuKaizer Motaung, Safi Majdi kunye noElyes Mzoughi kuquka nabalandeli baMakhosi.
Kusenjalo, lomqeqeshi waseTunisia akabancomanga abancedisi bakhe uCedric Kze noKhalil Ben Youssef abathe baxhuzula imikhala emva kokunqunyanyiswa kwakhe.
“As Salam Aleykum kubadlali bam: Andikwazanga ukuba ndinixelelo ngokushiya kwam yaye ndinonge njengokuba bendinqwenela – ndinebhongo ngani,” ubhale kanjalo uNabi.
“Ndiyanibulela ngemigudu nemizamo yenu kwelithuba endilichithe neqela. Kubadlali bonke: nihlale niqhakazile kweliqela.
“Nikholelwe kuni, nisebenze nzima yaye nifunde ngalo lonke ixesha. Ndiyanicela ukuba niyazi nijongene nemisebenzi yenu nihlale nineminqweno.
“Ndinombulelo omkhulu kwiqela lonke nabo ababhale imiyalezo befuna ndibuye. Amazwi wenu andichukumisile kakhulu.
“Niyazi ukuba ninazo zonke izixhobo zokuba niphumelele ngokwamaphupho esasizibekele wona. Ndiyazi ningayenza niwafezekise lomaphupho.
“Ndiyabulela kusihlalo uKaizer Motaung ngokundinika ithuba lokuqeqesha eliqela ndinxibe lemibala nangokundixhasa.
FUNDA NALAPHA: PSL TRANSFERS: SUNDOWNS LURE PORTUGUESE STAR
“Liqela elikhulu eli othe wakwazi ukulakha yae ndizakuhlala ndinebhongo ebomini bam ngokunxiba lemibala etyheli nemnyama – ndibulela nabaphathi.
“Kubalandeli abazinekeleyo, ndibulela ukuthembeka kwenu nokubanethemba kumsebenzi wethu. Inkxaso yenu ibibalulekile, ngokwenyani ningamandla weliqela.
“Ndithembisile ukuba ndizakulenza eliqela lilwe apha ekhaya nakwitumente zelizwekazi iAfrika, kungoku nje sele nikufuphi kwelophupha.”
NguPhumzile Ngcatshe
