LANDISIWE ITHUBA LOKUBHALISA IZIRHOXO

Isikhalo sabanini bezirhoxo zasekuhlaleni sivakele kuRhulumente nanjengoko landisiwe, de kube sekupheleni kwenyanga yomDumba (February) kunyaka ozayo,  ixesha lokuba babhalise iivenkile zabo ngokusemthethweni. Esisibhengezo senziwe ngumphathiswa wesebe lentsebenziswano nemicimbi yemveli uVelenkosini Hlabisa kwindibano noonondaba. Ukongezwa kwelithuba kuza emva kokuphela kweentsuku eziyi21 ezazimiselwe ngumongameli uCyril Ramaphosa ukuba zonke izirhoxo kufuneka zibe zibhaliswe ngokusemthethweni.

Isibhengezo sikamongameli seza emva kokusweleka kweqela labantwana kwiindawo ezahlukeneyo kweli kutyholwa ngelithi unobangela yayingamashwamshwam athengiswa kwizirhoxo. UHlabisa uthi ukususela ngomhla we15 kweyeNkanga (November) de kube ngumhla we17 kweyoMga (December) kwenziwe izicelo zokubhalisa izirhoxo eziyi49 915, lo gama kuphunyezwe eziyi19 385 kuzo. Nangona kukho izicelo esele ziphunyeziwe kusafuneka kuqhutywe uhlolo lweendawo zokuthengisa ngaphambi kokuba kukhutshwe iziqinisekiso zobumi beshishini.

Ngamaziko ayi392 avulwe kwilizwe liphela ukuncedisana nabanini bezirhoxo ukuze babhalise iivenkile zabo. UHlabisa wenze isicelo koomasipala ukuba baqinisekise ukuba banceda abasomashishini ngobuninzi nangona iinkonzo eziliqela zivalwa ngelithuba leholide kwiiOfisi zomasipala.