UPHEFUMLE uSANTACO NGENGOZI EMASIKIZI

Umbutho weTaxi iSANTACO ulumkise abaqhubi ukuba bathobele imithetho yezendlela, emva kwengozi esube imiphefumlo eyi-14 ngoMvulo. Le ngozi yehle kuhola wendlela uN9 ngaphandle kwedolophu yaseRhafu ngentseni yayizolo. Isithuthi sohlobo lweMazda CX5, ebesikhwele abantu abayi6, siye sangqubana okweenkunzi zegusha neTaxi ebigcwele ngabakhweli.

Ngokwengxelo kaSANTACO leTaxi ibisuka kwidolophu yaseSaldhana kwiphondo leNtshona Kapa isiya kuGatyane kwiMpuma yeKapa. Abakhweli besithuthi baswelekele kwindawo yesehlo bonke, kuquka nabantu abasibhozo ebekhwele kule taxi.

Umongameli weSANTACO uMotlhabane Tsebe uthi le taxi iphantsi kombutho uCODETA kwidolophu waseSaldhana. Ukwagqithise amazwi ovelwano kwiintsapho zamaxhoba ekwabongoza abaqhubi bonke ukuba bathobele imithetho yezendlela.