IBUYELE KWI-PA iWARD yaseBORCHARDS

Umongameli weqela lePatriotic Alliance, uGayton McKenzie uthi izonyeliso zokuba umgqatswa weliqela kunyulo lovalo zikhewu obelubanjwe eGeorge ngoLwesithathu ushishina ngeziyobisi aziphumelelanga. Ukuthethe oku emva kokuba uRita Gregory ethe wonyulwa njengoceba wakwaWard20 kwingingqi yaseBorchards. Le ward yaqala uphunyelelwa leliqela kweyeKhala kunyaka ophelileyo nalapho lalifunze ngoChristo Alexander, ophele sekreqela kwiqela leDA kulo nyaka.

uMcKenzie uthi le mpumelelo ibonisa ubunganga beliqela nangona kukho abangcatshi abafuna ukulibona liseyela. Woleke ngelithi amalungu wePA angathembekanga ngawo ebekhokela iphulo lokonyelisa uGregory. Ukwazingombe isifuba ngelithi abo bacinga eliqela likholose ngaye kuphela bakhe phantsi kuba yena khange adlale indima kwiphulo lokugaya iivoti kule ndawo.

Kusenjalo, iqela leGOOD lithi livule amatyala wokoyikisa nokuthengwa kweevoti ngondlela mnyama. Lityhola ngelithi kukho amaqela ebeunusa abavoti ngeepasile zokutya, iziyobisi zohlobo lweTik lo gama bekusoyikiswa abavoti ngelithi bazakukhatyelwa amacango ebusuku ukuba abavoteli eliqela. iGOOD ithi emva kokuvulwa kwalamatyala ifake isikhalazo kwikomishoni yezonyulo i-Independent Electoral Commission. 

Iqela lePA lifumene iivoti eziyi 1350, iDA ilandela  ngemva ngeevoti eziyi814, lo gama iANC izuze eziyi 323 laze iqela leGOOD lavala umnyango ngevoti eziyi 116.

Funda nalapha: ISekhukhune United iqinisa iqela phambi kwesizini entsha