
IYONGEZEKA IMIZILA kaGO GEORGE eTHEMBALETHU
Uphehlelelwe ngokuyimpumelelo umzila omtsha kaGo George odibanisa ilokishi yaseThembalethu nendawo yoshishino iGeorge Industria. Le nkonzo yeebhasi eziquqa zibuyelela iqalise ukusebenza kulomzila ngalantseni. Ibhasi yokuqala ephume eThembalethu malunga necala emva kweyesihlanu (05:30) ibibandakanya iindwendwe ezibekekileyo neziquka umphathiswa wezothutho kweliphondo u-Isaac Sileku, usodolophu waseGeorge u-Jackie Van Brondis kunye nezinye iziphathamandla kwezothutho nakumasipala.

U-Ntandazo Langa osebenza kummandla waseGeorge Industria ube ngumkhweli wokuqala kulomzila umtsha. “Izakundenzela izinto lula, kuba kuqala bendithatha ibhasi egqitha edolophini, xa ndifika ndikhwele eya ePacaltsdorp. Ngoku kukho esuka apha iye eIndustria nkqo”, utshilo uLanga.

Ukuvulwa kwalomzila umtsha kuza ngethuba ezibhasi zigqiba unyaka zibaleka phakathi kwalelokishi nommandla waseBlanco. Emva koluhambo iziphathamandla zigqithele kwindawo yokulinda iibhasi ngaphandle kwaseGarden Route Mall, apho bekuvulwa khona isakhiwo esitsha sokulinda.
