KUBHUBHE ISIBINI KUMLILO WASETHEMBALETHU

Kubhubhe abantu ababini kumlilo otshabalalise ikhaya labo kwilokishi yaseThembalethu eGeorge. Ngokwengxelo, amapolisa akhwetyelwe kummandla waseZone 7 malunga necala emva kwentsimbi yeshumi elinanye (23:30) kubusuku bangomGqibelo. 

Isithethi samapolisa uChris Spies sithi bafumene umzimba wendoda nowasetyhini ngaphantsi kobugoxo balomlilo. Esisibini, nekuvakala ukuba ngumntu nowakwakhe asikafaniswa ngokusesikweni. Isizekabani salomlilo asikaziwa kwaye uphando lwamapolisa lusaqhuba.