
Inkundla ephakamileyo iyasikhaba isicelo se-MK Party namhlanje
INkundla Ephakamileyo yaseGoli isichithile isicelo esingxamisekileyo sombutho MK Party namhlanje kusasa.
Lo mbutho wezopolitiko ubufuna ukumisa ngokusemthethweni inkqubo yolonyulo yelizwe jikelele egqitywe mva nje.
Abagwebi bagwebe ukuba lo mbutho awuzisanga bungqina oboneleyo obukhombisa ubuqhophololo kwiivoti.
Inkundla ithe inkqubo yezomthetho kufuneka ihlonitshwe kwaye iziphumo zolonyulo zisemthethweni okwangoku.
Inkokheli ze-MK Party zivakalise ukuba ziza kusifaka kwakhona esi Sicelo kwinkundla yoMgaqo Siseko.
*Eyewitness News
